I-Khandida
IKhandida yi-genus okanye ukuqokolelana kwee-yeasts. I-Yeasts luhlobo oluthile lwe- fungus. eli qela le-fungi lilelona qela lingunobangela oxhaphakileyo owenza iusuleleko nge-fungus emhlabeni jikelele.[1] Uninzi lwabantu sele lunayo okanye sele luvulelekile kweli qela le-fungus kodwa abakaguli bona. Ukuba umntu uphelelwa ngamandla ngenxa yasigulo simbi, le fungus ingasenza isifo.[2] I-Candida albicans lolona hlobo lwe-Candida luxhaphakileyo. Usuleleko nggale fungus lubizwa ngokuba yi-candidiasis okanye yi-thrush. Ezinye iintlobo zeli qela zingafumaneka kwi-gut yomntu.[3]
Abantu bangachatshazelwa lusuleleko lwegazi ngenxa yale fungus. [4]
Amachiza abizwa ngokuba zii-antibiotics aziyinyangi usuleleko lwe-yeast. into eyenzekayo kukuba i-antibiotic ingalunwenwisa ngakumbi usuleleko ngeCandida.[5] Abafazi bangalufumana kwizinyi zabo usuleleko lweCandida. Amadoda nawo angalufumana usuleleko lweCandida ebudodeni babo. Ukuba umntu usebenzisa ii-antibiotics ixesha elide, Maninzi kubo amathuba okufumana usuleleko lwe-Candida. Abantu abaneswekile okanye i-HIV maninzi amathuba kubo okufumana usuleleko lwe-yeast.[6][7]
Indima yayo njenge-pathogen
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Le fungus ingakhuliswa e-lab. I-Candida ibonakala ngathi zizazinge ezinkulu ezimile okwesangqa nesimhlophe nesimthubi elinuka njengesonka.[8]I-Candida ingafumaneka phantse kuzo zonke izikhumba eziphilileyo.[9] Isikhumba esomileyo sine-fungus.[10] Amanani amancinane ale fungus afumaneka kwamanye amalungu omzimba. Laa malungu yimpumlo, umqala nemiphunga; i-digestive system nesinyi. Yinto eqhelekileyo leyo.
Xa le fungus idala isifo esisemlonyeni sibizwa ngokuba yi-thrush (i-oropharyngeal candidiasis). Xa le fungus idala isifo kwisizalo somfazi ibizwa ngokuba yi-vaginal candidiasis okanye kuthiwa nje yi-'yeast infection'. I-thrush ixhaphakile ebantwini abanxiba ii- dentures.[11]
Treatment
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Abantu abaphila ngaphandle kokugula, usuleleko nge-candida lunganyangeka nge-oli yesikhumba okanye ichiza elinokuginywa. [12] Amayeza esikhumba angathengwa evenkileni ngaphandle kokuba ubhalelwe ngugqirha. Kubantu abasele begula kakade, i-candidiasis ingasisigulo esinobunzulu obukhulu. Isenokudala i-abscess, thrombophlebitis, usuleleko lwentliziyo (i-endocarditis). Isenokudala usululeko lwamehlo okanye lwezinye ii-organs.[4][9] Usululeko lwe-Candida lungangena emzimbeni ngemikrwelo,ukugruzuka nokusikeka kwesikhumba. [10]
I-Species
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Ezinye ii-Candida ezibalulekileyo yi-C. i-parapsilosis, C. tropicalis, kunye ne-C. dubliniensis.[4]
References
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ Manolakaki, D., Velmahos, G., Kourkoumpetis, T., Chang, Y., Alam, H. B., De Moya, M. M., & Mylonakis, E. (2010).
- ↑ Kourkoumpetis, Themistoklis K., et al.
- ↑ Spanakis, Elias K., et al.
- ↑ 4.0 4.1 4.2 Empty citation (help) Cite error: Invalid
<ref>
tag; name "Enfert" defined multiple times with different content - ↑ Kennedy, MJ et al.
- ↑ Steckelberg, James M. (2012-09-18) "Male yeast infection: Can I get it from my girlfriend?" Mayo Clinic retrieved 2014-03-23
- ↑ "Yeast Infections: MedlinePlus" Nlm.nih.gov retrieved 2014-03-23
- ↑ "Candida species" DoctorFungus.org archived from the original on 2007-02-08 retrieved 2007-02-09
- ↑ 9.0 9.1 Jawetz et al. (1978), "Medical Mycology", Review of Medical Microbiology (13th ed.), pp. 276–278
- ↑ 10.0 10.1 Empty citation (help)
- ↑ Empty citation (help)
- ↑ "Yeast Infections (Candidiasis) in Men and Women" WebMD 2012-11-12 retrieved 2014-03-23